Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 11:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Abuthelana ke onke amaSirayeli kuDavide eHebron, athi, Uyabona, silithambo lakho, siyinyama yakho;

2. kwangaphambili, oko uSawule ebengukumkani, ibinguwe obuphuma ungena namaSirayeli; wathi uYehova uThixo wakho kuwe, Wena uya kubalúsa abantu bam amaSirayeli; wena uya kuba yingànga yabantu bam amaSirayeli.

3. Afika onke amadoda amakhulu akwaSirayeli kukumkani eHebron, wenza umnqophiso nawo uDavide eHebron, phambi koYehova; amthambisa uDavide ukuba abe ngukumkani kumaSirayeli, ngokwelizwi likaYehova ngesandla sikaSamuweli.

4. Wahamba uDavide namaSirayeli onke, waya eYerusalem (yiYebhusi ke leyo), apho abekhona amaYebhusi, abemi belo zwe.

5. Bathi abemi beYebhusi kuDavide, Akusayi kungena apha. Wayithimba uDavide imboniselo yeZiyon (ngumzi kaDavide ke lowo).

6. Wathi uDavide, Owaxabele amaYebhusi kwasentloko, woba yintloko nomthetheli. Wenyuka kwasentloko uYowabhi unyana kaTseruya, waba yintloko ke.

7. UDavide wahlala emboniselweni apho; ngenxa yoko bathi ngumzi kaDavide.

8. Wawakha umzi, wajikelezisa ngeenxa zonke, wathabathela eMilo, wajikelezisa. UYowabhi wawasindisa amaqongqolo aloo mzi.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 11