Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 10:10-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Azibeka iintonga zakhe endlwini yezithixo zawo, ukakayi lwakhe alubethelela endlwini kaDagon.

11. Beva bonke abaseYabheshe yaseGiliyadi konke awakwenzayo amaFilisti kuSawule,

12. esuka onke amadoda anobukroti, asithwala isidumbu sikaSawule nezidumbu zoonyana bakhe, azizisa eYabheshe. Awangcwaba amathambo abo phantsi komterebhinti* eYabheshe, azila ukudla imihla yasixhenxe.

13. Wafa ke uSawule ngokumeneza kwakhe, awameneza ngako kuYehova, ezwini likaYehova angaligcinanga; kwanangokubuzisa kwakhe koneshologu, ngokuquqela kuye,

14. akaquqela kuYehova; wambulala ke, wabuguqulela ubukumkani kuDavide unyana kaYese.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 10