Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 10:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku amaFilisti alwa namaSirayeli; asaba amadoda akwaSirayeli phambi kwamaFilisti, awa engxwelerhiwe ezintabeni zaseGilibhowa.

2. AmaFilisti athana mbende noSawule noonyana bakhe. AmaFilisti ambulala uYonatan, noAbhinadabhi, noMalekishuwa, oonyana bakaSawule.

3. Yanzima imfazwe kuSawule. Bamfumana abatoli, wathuthumela ngenxa yabatoli.

4. Wathi uSawule kumphathi weentonga zakhe, Rhola ikrele lakho, undihlabe ngalo, hleze beze aba bangalukileyo, bafekethe ngam. Àkavuma umphathi weentonga zakhe, ngokuba ubesoyika kakhulu. Walithabatha uSawule ikrele, waziwisa phezu kwalo.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 10