Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 1:40-54 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

40. Oonyana bakaShobhali nguAleyan, noManahati, noEbhali, noShefi, no-Onam. Oonyana bakaTsibheyon nguAya noAna.

41. Oonyana baka-Ana nguDishon. Oonyana bakaDishon nguHamran, noEshbhan noItran noKeran.

42. Oonyana bakaEtsere nguBhilehan noZavan noYakan. Oonyana bakaDishan ngu-Utse noAran.

43. Ngabo aba ookumkani ababelawula ezweni lakwaEdom, kungekabikho kumkani ubelawula oonyana bakaSirayeli; nguBhela unyana kaBhehore; igama lomzi wakhe liyiDinabha.

44. Wafa uBhela; uYobhabhi unyana kaZera, waseBhotsera, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

45. Wafa uYobhabhi; uHusham, wasezweni lamaTeman, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

46. Wafa uHusham; uHadadi unyana kaBhedadi, owaxabela amaMidiyan emhlabeni wakwaMowabhi, waba ngukumkani esikhundleni sakhe; igama lomzi wakhe beliyiAviti.

47. Wafa uHadadi; uSamla waseMasereka waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

48. Wafa uSamla; uSawule, waseRehobhoti yoMlambo,* waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

49. Wafa uSawule; uBhahali-hanan, unyana ka-Akebhore, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

50. Wafa uBhahali-hanan; uHadadi waba ngukumkani esikhundleni sakhe; igama lomzi wakhe beliyiPahi; igama lomkakhe belinguMehetabheli, intombi kaMatrede, intombi kaMezahabhi.

51. Wafa uHadadi.Izikhulu zakwaEdom zezi: isikhulu esinguTimna, isikhulu esinguAliya, isikhulu esinguYetete,

52. isikhulu esinguAholibhama, isikhulu esinguEla,

53. isikhulu esinguPinon, isikhulu esinguKenazi, isikhulu esinguTeman, isikhulu esinguMibhetsare,

54. isikhulu esinguMagediyeli, isikhulu esinguIram. Zizo ezo izikhulu zakwaEdom.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 1