Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 1:39-52 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

39. Oonyana bakaLotan ngamaHori, noHonam; udade boLotan nguTimna.

40. Oonyana bakaShobhali nguAleyan, noManahati, noEbhali, noShefi, no-Onam. Oonyana bakaTsibheyon nguAya noAna.

41. Oonyana baka-Ana nguDishon. Oonyana bakaDishon nguHamran, noEshbhan noItran noKeran.

42. Oonyana bakaEtsere nguBhilehan noZavan noYakan. Oonyana bakaDishan ngu-Utse noAran.

43. Ngabo aba ookumkani ababelawula ezweni lakwaEdom, kungekabikho kumkani ubelawula oonyana bakaSirayeli; nguBhela unyana kaBhehore; igama lomzi wakhe liyiDinabha.

44. Wafa uBhela; uYobhabhi unyana kaZera, waseBhotsera, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

45. Wafa uYobhabhi; uHusham, wasezweni lamaTeman, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

46. Wafa uHusham; uHadadi unyana kaBhedadi, owaxabela amaMidiyan emhlabeni wakwaMowabhi, waba ngukumkani esikhundleni sakhe; igama lomzi wakhe beliyiAviti.

47. Wafa uHadadi; uSamla waseMasereka waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

48. Wafa uSamla; uSawule, waseRehobhoti yoMlambo,* waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

49. Wafa uSawule; uBhahali-hanan, unyana ka-Akebhore, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

50. Wafa uBhahali-hanan; uHadadi waba ngukumkani esikhundleni sakhe; igama lomzi wakhe beliyiPahi; igama lomkakhe belinguMehetabheli, intombi kaMatrede, intombi kaMezahabhi.

51. Wafa uHadadi.Izikhulu zakwaEdom zezi: isikhulu esinguTimna, isikhulu esinguAliya, isikhulu esinguYetete,

52. isikhulu esinguAholibhama, isikhulu esinguEla,

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 1