Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 1:31-41 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

31. noTema, uYeture, uNafishi, noKedema. Ngabo abo oonyana bakaIshmayeli.

32. Oonyana bakaKetura, ishweshwe lika-Abraham: wazala uZimran, noYokeshan, noMedan, noMidiyan, noIshbhaki, noShuwa. Oonyana bakaYokeshan nguShebha noDedan.

33. Oonyana bakaMidiyan nguEfa, noEfere, noEnoki, noAbhida, noElidaha. Bonke abo ngoonyana bakaKetura.

34. UAbraham wazala uIsake. Oonyana bakaIsake nguEsawu noSirayeli.

35. Oonyana bakaEsawu nguElifazi, noRehuweli, noYehushe, noYalam, noKora.

36. Oonyana bakaElifazi nguTeman, no-Omare, noTsefi, noGatam, noKenazi, noTimna, noAmaleki.

37-38. Oonyana bakaRehuweli ngooNahati, noZera, noShama, noMiza. Oonyana bakaSehira nguLotan, noShobhali, noTsibheyon, noAna, noDishon, noEtsere, noDishan.

39. Oonyana bakaLotan ngamaHori, noHonam; udade boLotan nguTimna.

40. Oonyana bakaShobhali nguAleyan, noManahati, noEbhali, noShefi, no-Onam. Oonyana bakaTsibheyon nguAya noAna.

41. Oonyana baka-Ana nguDishon. Oonyana bakaDishon nguHamran, noEshbhan noItran noKeran.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 1