Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 1:11-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. UMitserayim wazala amaLudi, nama-Anam, namaLehabhi, namaNafetuyi,

12. namaPatrusi, namaKaseluyi, apho kwaphuma khona amaFilisti, namaKafetori.

13. UKanan wazala uTsidon owamazibulo kuye, noHeti,

14. namaYebhusi, nama-Amori, namaGirgashi,

15. namaHivi, nama-Areki, namaSini,

16. nama-Arvadi, namaTsemari, nama-Hamati.

17. Oonyana bakaShem nguElan, noAsuri, noArpakishadi, noLudi, noAram, noUtse, noHuli, noGetere, noMesheki.

18. UArpakishadi wazala uShela; uShela wazala uEbhere.

19. UEbhere wazalelwa oonyana ababini, igama lomnye nguPelege,* ngokuba ngemihla yakhe bahlukahluka abemi bomhlaba; igama lomninawa wakhe belinguYoketan.

20. UYoketan wazala uAlemodadi, noShelefe, noHatsaremavete, noYera,

21. noHadoram, noUzali, noDikela,

22. noEbhali, noAbhimayeli, noShebha,

23. no-Ofire, noHavila, noYobhabhi. Bonke abo ngoonyana bakaYoketan.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 1