kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 9 Ibhayibhile (XHO96)

UYesu uphilisa umntu ozelwe eyimfama

1. UYesu wathi ehamba ngendlela wabona umntu owayezelwe eyimfama.

2. Bambuza ke abafundi bakhe besithi: “Mfundisi, uphi undonakele ukuze azalwe eyimfama nje? Ngaba nguye, okanye ngabazali bakhe?”

3. Waphendula uYesu wathi: “Eyimfama nje, akonanga yena, kungonanga nabazali bakhe. Uzelwe eyimfama ukuze amandla okusebenza kukaThixo abonakaliswe ngaye.

4. Simelwe kukuyenza kusesemini imisebenzi esiyinikwe ngulowo undithumileyo. Ubusuku buyeza, apho kungayi kubakho bani unako ukusebenza.

5. Okweli thuba ndisesehlabathini ndilukhanyiso lwehlabathi.”

6. Akuba etshilo, uYesu watshicela emhlabeni, wenza udaka, wawaqaba ngalo amehlo emfama leyo;

7. waza wathi kuyo: “Hamba uye kuhlamba kwichityana laseSilowa.” (Oko kukuthi “thunyiwe”.) Yahamba ke imfama, yaya kuhlamba, yabuya ibona.

8. Abamelwane nabanye abantu ababeqhele ukumbona loo mntu engqiba, bathi: “Lo mfo asinguye na lowa ebehlala engqiba?”

9. Abanye babesithi nguye, abanye besithi asinguye kodwa ufana naye. Waza umfo lowo wathi: “Ndinguye.”

10. Bambuza ke, bathi: “Avulwe yintoni amehlo akho?”

11. Wathi yena: “Laa mntu kuthiwa nguYesu, wenza udaka, waqaba ngalo amehlo am, wathi mandiye eSilowa, ndihlambe. Ndiyile ke, ndahlamba, aza avuleka amehlo am.”

12. Baza bathi: “Uphi loo mntu ngoku?”Ke yena wathi: “Andazi.”

AbaFarasi benza uphando ngokuphila kwemfama

13. Bamthatha ke loo mfo owayeyimfama, bamsa *kubaFarasi;

14. kuba *kwakunguMhla wokuPhumla loo mini uYesu wenza udaka ngayo, wavula amehlo akhe.

15. Ke ngoko abaFarasi bambuza lo mfo okokuba uphiliswe njani ebumfameni bakhe, waza wathi kubo: “Undiqabe amehlo ngodaka, ndahlamba, aza avuleka amehlo am.”

16. Baza abaFarasi abathile bathi: “Loo mntu akanakuba ngowakwaThixo, kuba akawuhloneli uMhla woPhumlo.”Kodwa abanye babesithi: “Ukuba ebengumoni ebenokuthini ukwenza imiqondiso elolu hlobo?” Kwabakho impikiswano ke phakathi kwabo.

17. Ke ngoko abaFarasi baphinda bathi kuloo mntu wayeyimfama: “Wena uthini ngaye, inguwe nje ovulwe amehlo?”Waza wathi: “*Ungumshumayeli.”

18. AmaJuda wona ayengakholwa ukuba wayeyimfama waza wabuya wabona, aza abiza abazali bakhe,

19. abuza esithi: “Ngunyana wenu lo? Ngaba wazalwa eyimfama? Ebona nje ngoku kutheni?”

20. Abazali bakhe baphendula bathi: “Ewe, ngunyana wethu lo. Wavela eyimfama;

21. kodwa asazi ukuba kwenzeke ntoni ebona nje ngoku; nalowo uwavulileyo amehlo akhe asimazi. Buzani kuye; selemdala, unako ukuziphendulela.”

22. Abazali bakhe batsho kuba besoyika amaJuda, kuba wona ayeselevumelene ngokuthi ovumayo ukuba uYesu unguye *uKrestu, uya kusikwa *endlwini yesikhungo.

23. Kungoko ke abazali bakhe batshoyo ukuthi: “Buzani kuye; selemdala.”

24. Ke ngoko amaJuda aphinda ambuza loo mntu wayezelwe eyimfama, athi kuye: “Sikufungisa uThixo ukuba uthethe inyaniso. Thina siyazi okokuba lo mntu ngumoni.”

25. Waphendula wathi: “Ukuba ungumoni, nokuba akanguye, andazi. Ndazi nto-nye kuphela; bendiyimfama, ngoku ke ndiyabona.”

26. Aza athi kuye: “Ukwenze ntoni kanye ukukuvula amehlo?”

27. Wawaphendula wathi: “Sendinixelele nje, naza anaphulaphula; kutheni ukuba nifune ukuva kwakhona? Ngaba nani nifuna ukuba ngabafundi bakhe?”

28. Aza amaJuda amthuka, atsho nokuthi: “Nguwe ongumfundi walaa mfo; thina singabafundi bakaMosis.

29. Siyazi okokuba uMosis wathetha egunyaziswa nguThixo; kodwa yena lo mfo asimazi, singazi nalapho avela khona.”

30. Waphendula wathi: “Simanga! Nina nithi animazi apho avela khona, kanti nguye owavulileyo amehlo am.

31. Kuyaqondakala okokuba uThixo akabeva aboni; kuphela uva abo bamhloneleyo ngokwenza oko akuthandayo.

32. Okoko ladalwayo ihlabathi akuzange kuviwe ngomntu owakha wavula amehlo omntu ozelwe eyimfama.

33. Ukuba lo mntu ebengaveli kuThixo nge-engenako mpela ukwenza into enje.”

34. Amphendula athi: “Singathini ukufundiswa nguwe, ntondini eyazalelwa esonweni!” Waza ke wasikwa *endlwini yesikhungo.

Iimfama ezibonayo

35. UYesu weva okokuba umntu lowo usikiwe. Akumfumana wathi kuye: “Uyakholwa na kuye *uNyana woLuntu?”

36. Waphendula yena wathi: “Ndixelele ukuba ngongubani lowo, Nkosi, ukuze nam ndikholwe kuye.”

37. Wathi kuye uYesu: “Sewumbonile; ngulo uthethayo nawe ngoku.”

38. Waza wathi: “Ndiyakholwa, Nkosi.” Watsho waguqa phambi koYesu.

39. Waza wathi uYesu: “Mna ndize kweli hlabathi ukuze abantu bacaluleke: ukuze iimfama zibone, bathi ababonayo babe ziimfama.”

40. *AbaFarasi abathile ababelapho kunye naye, bamva eyithetha le nto, baza bambuza besithi: “Nathi uthi siziimfama?”

41. Wathi kubo uYesu: “Ukuba benizizo iimfama ngeningenatyala, kodwa ngenxa yokuba nisithi niyabona, nihlala ninalo ityala.”