Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 8:1-13 Ibhayibhile (XHO96)

1. UYesu yena waya eNtabeni yemiNquma.

2. Lakuphuma ilanga ngosuku olulandelayo, wabuyela *endlwini kaThixo. Isihlwele samngqonga, waza wahlala phantsi, wabafundisa abantu.

3. Abachazi-mthetho *nabaFarasi beza nomfazi owayebanjwe ekrexeza, bammisa phambi kwabantu;

4. baza bathi kuYesu: “Mfundisi, lo mfazi ubanjwe ekrexeza.

5. Emthethweni wethu uMosis uthi umfazi onjalo makagityiselwe ngamatye abulawe. Ke wena ngaba uthi makathiweni?”

6. Besitsho nje, babemthiyisela, befuna athethe into abanokummangalela ngayo. Kodwa uYesu wathoba, wabhala ngomnwe emhlabeni.

7. Besamile njalo bembuza, waphakama, wathi kubo: “Ongenasono kuni makube nguye ogibisela ilitye lokuqala.”

8. Waphinda wathoba uYesu, wabhala emhlabeni.

9. Bekuvile oko, bemka bonke ngabanye ngabanye, baqalela kwabadala. Kwasala uYesu nomfazi lowo, esemi apho.

10. Waphakama uYesu, wathi kuye: “Baphi na abamangaleli bakho? Akukho namnye na oshiyekileyo?”

11. Waphendula wathi: “Namnye, Nkosi.”Wathi uYesu: “Nam ke andikugwebi. Hamba, ungàbuye wone.”]

12. UYesu waphinda wabhekisa ebantwini wathi: “Ndim ukhanyiso lwehlabathi. Lowo undilandelayo soze ahambe ebumnyameni; woba nokhanyiselo olunika ubomi.”

13. Baza *abaFarasi bathi kuye: “Wena uzingqinela ngokwakho. Ngenxa yoko ubungqina bakho abamkeleki.”

funda isahluko epheleleyo Uyohane 8