Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 7:35-45 Ibhayibhile (XHO96)

35. Aza amaJuda abuzana esithi: “Ngaba bethu uza kuya phi, ze ke singabi nako ukumfumana? Ngaba uzimisele ukuya kumaJuda athe saa kwelamaGrike, aze afundise amaGrike?

36. Ngaba uthetha ukuthini xa athi: ‘Niya kundifuna ningandifumani, kuba nina aninako ukuya apho ndiya khona’?”

37. Ngosuku lokugqibela, olo ke lulolona lubalulekileyo lwetheko, wema uYesu, wathetha ngelivakalayo esithi: “Onxaniweyo makeze kum asele.

38. *IziBhalo zithi kuya kugqabhuka imisinga yamanzi aphilisayo embilinini walowo ukholwayo kum.”

39. UYesu wayithetha le nto esingisele kuMoya ababeya kumamkela abo babekholwa kuye. Kaloku uMoya wayengekafiki, kuba ubungangamsha bukaYesu babungekabonakali.

40. Bakumva uYesu esitsho, abantu abathile esihlweleni bathi: “Ngenene lo mntu nguye lowa *Mshumayeli.”

41. Abanye bathi: “Lo mntu *nguKrestu.”Kodwa bambi bathi: “Angathini uKrestu ukuvela eGalili?

42. *IziBhalo zithi uKrestu woba ngowendlu kaDavide, azalelwe eBhetelehem, idolophu awayehlala kuyo uDavide.”

43. Kwabakho impikiswano ke esihlweleni ngenxa yakhe.

44. Abanye babefuna ukumbamba, kodwa akubangakho bani umchukumisayo.

45. Abagadi *bendlu kaThixo babuyela kubabingeleli abaziintloko *nabaFarasi, baza bona bathi kubo: “Kutheni ningezanga naye nje?”

funda isahluko epheleleyo Uyohane 7