Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 7:1-15 Ibhayibhile (XHO96)

1. Emva koko uYesu wehla enyuka neGalili. Wayengathandi ukuya kwelakwaJuda, kuba amaJuda ayefuna ukumbulala.

2. Lalisondele itheko lamaJuda ekuthiwa litheko lamaphempe,

3. baza bathi kuye abantakwabo: “Khawumke apha, uye kwelakwaJuda, ukuze nabo abafundi bakho abalapho bazibone izinto ozenzayo.

4. Kaloku umntu ofuna okokuba into ayenzayo yaziwe, akayenzi ngasese. Ukuba uyazenza ezi zinto, zenze zibonwe lihlabathi lonke.”

5. Babesitsho abantakwabo-Yesu kuba nkqu bona babengakholwa kuye.

6. Wathi kubo uYesu: “Nina ningaya nanini na, kodwa elam ithuba lokuya alikafiki.

7. Abantu beli hlabathi bandithiyile mna, kuba ndisoloko ndiyihlaba imikhwa yabo emibi, kodwa nina bayanithanda.

8. Ningaya nina ethekweni apho, kodwa mna andiyi, kuba ayikabi lothuba lifanelekileyo eli kum.”

9. Akuba etshilo wasala eGalili.

10. Bakuba bemkile abantakwabo-Yesu ukuya ethekweni apho, naye waya khona, phofu wahamba ngokuzimela.

11. AmaJuda ayemfuna apho ethekweni, emana ebuzisa ngaye.

12. Kwakugqugulwa ngaye, kukho abathi: “Yindoda leya;” kukho nabathi: “Hayi bo, uyabalahlekisa abantu.”

13. Noko akuzange kubekho bani uthetha ngaye ekuhleni, kuba babesoyika amaJuda.

14. Kwathi itheko selishushu, uYesu waya *endlwini kaThixo, wafundisa.

15. Amangaliswa amaJuda, athi: “Ngaba lo mntu uluthathe phi lonke olu lwazi, engafundanga nje?”

funda isahluko epheleleyo Uyohane 7