Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 3:2-14 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ngabusuku buthile lo Nikodimo weza kuYesu, wathi: “Mfundisi, siyazi ukuba ungumfundisi ovela kuThixo, kuba akukho bani unako ukuyenza le miqondiso uyenzayo wena, ukuba uThixo akanaye.”

3. UYesu waphendula wathi kuye: “Ndithi kuwe, inene, akukho namnye unokuxhamla ukulawulwa nguThixo, engathanga azalwe ngokutsha.”

4. UNikodimo wathi kuye: “Angáthini na ukuzalwa umntu oselemdala? Kaloku akangekhe aphindele esizalweni sikanina, aze azalwe kwakhona.”

5. Waphendula uYesu, wathi: “Ndithi kuwe, inene, ukuba umntu akathanga azalwe ngamanzi nanguMoya kaThixo, akanakulawulwa nguThixo.

6. Okuzalwa yinyama negazi kuyinyama negazi; okuzalwa nguMoya kunguMoya.

7. Sukumangaliswa kukuba ndithe kuwe: ‘Nimelwe kukuzalwa ngokutsha.’

8. Umoya uphephezela apho uthanda khona, ùsive isandi sawo, kodwa ùbe ungawazi apho úvela khona nalapho úya khona. Bakwanjalo ke bonke abazelwe nguMoya kaThixo.”

9. Waphendula uNikodimo esithi: “Ingenzeka njani le nto?”

10. Waphendula uYesu wathi: “Ungumfundisi omkhulu nje wakwaSirayeli, ungathini ukungazazi ezi zinto?

11. Ndithi kuwe, inene, sithetha esikwaziyo, singqine esikubonileyo, kanti noko nisuka ningabamkeli ubungqina bethu.

12. Ukuba ndinixelele izinto zasehlabathini naza anakholwa, nothini ke ukukholwa ndakunixelela izinto zasezulwini?

13. Akukho namnye wakha wenyuka waya ezulwini, ngaphandle kwalowo wehlayo evela ezulwini, *uNyana woLuntu.

14. “Njengokuba uMosis wayiphakamisayo inyoka entlango, umelwe kukuphakanyiswa kwangokunjalo naye uNyana woLuntu,

funda isahluko epheleleyo Uyohane 3