Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 2:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwathi ngomhla wesithathu kwabakho umtshato eKana kwelaseGalili, ekho nonina kaYesu.

2. UYesu nabafundi bakhe babemenyiwe nabo kuloo mtshato.

3. Yakuphela iwayini, unina kaYesu wathi kuye: “Baphelelwe yiwayini.”

4. Wathi kuye uYesu: “Mama, khawuyeke. Ixesha lam alikafiki.”

5. Waza unina wathi kwizicaka: “Kwenzeni konke anixelelayo.”

6. Apho ke kwakukho imiphanda yelitye emithandathu eyayisetyenziswa ngamaJuda kwisiko lawo lokuhlambulula. Umphanda ngamnye wawumkhulu kangangokuba wawungena iilitha ezimalunga namashumi alithoba ukuya kwikhulu.

7. UYesu ke wathi kwizicaka: “Zalisani le miphanda ngamanzi.” Izicaka zayizalisa,

8. wathi kuzo: “Yikhani ngoku, nise kwinjoli.” Zenjenjalo ke,

9. yaza injoli yawangcamla amanzi ajikwe aba yiwayini, koko ingazi apho ivela khona le wayini. Yayizizicaka kuphela ezazisazi, kuba ayekhiwe zizo amanzi. Injoli ke yambiza umyeni,

10. yathi kuye: “Idla ngokukhutshwa kuqala iwayini elungileyo, kuthi zakuba zisele zanela iindwendwe, kukhutshwe enganeno. Kodwa wena uyigcine kwada kwangoku eyona wayini ilungileyo.”

11. Lo mqondiso wakhe wokuqala uYesu wawenza eKana kwelaseGalili, ebonakalisa ubungangamsha bakhe; baza abafundi bakhe bakholwa kuye.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 2