Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 19:13-31 Ibhayibhile (XHO96)

13. Akuyiva le nto, uPilato wamkhuphela ngaphandle uYesu, waya kuchopha esihlalweni sokugweba, endaweni ekuthiwa nguMgangatho waMatye, ngesiHebhere kuthiwa yiGabhata.

14. Ke kaloku kwakusemini enkulu ngomhla owandulela *iPasika, waza uPilato wathi kumaJuda: “Nanko ke ukumkani wenu.”

15. Ankqangaza athi: “Msuse! Msuse! Mbethelele emnqamlezweni!”Wathi kuwo uPilato: “Nifuna ndimbethelele emnqamlezweni ukumkani wenu?”Ababingeleli abaziintloko bathi: “Mnye qha ukumkani wethu: nguKhesare.”

16. Waza ke uPilato wabavumela ukuba uYesu abethelelwe emnqamlezweni.Kwemkiwa naye uYesu,

17. ehamba ethwele umnqamlezo wakhe ukuya kuloo ndawo kuthiwa yeyoKhakhayi, ekuthiwa ngesiHebhere yiGolgota.

18. Apho bambethelela emnqamlezweni, ephahlwe ngabanye ababini, bebethelelwe nabo, uYesu ephakathi.

19. UPilato wabhala nesaziso, esaxhonywa emnqamlezweni. Kwakubhalwe kwathiwa: “UYesu waseNazarete, uKumkani wamaJuda.”

20. AmaJuda amaninzi asifunda eso saziso, kuba loo ndawo uYesu wayebethelelwe kuyo emnqamlezweni yayikufuphi nesixeko. Isaziso eso sasibhalwe ngesiHebhere, nangesiLatini, nangesiGrike.

21. Ke ngoko ababingeleli abaziintloko bamaJuda bathi kuPilato: “Sukubhala uthi: ‘UKumkani wamaJuda;’ yithi kanye: ‘Lo mntu uthe: NdinguKumkani wamaJuda.’ ”

22. Waphendula uPilato wathi: “Endikubhalileyo ndikubhalile.”

23. Akuba amajoni embethelele emnqamlezweni uYesu, azithatha iimpahla zakhe, abelana ngazo emané. Asithatha sona isambatho sakhe esasingenamthungo, salukiwe nje sisonke ukususela phezulu.

24. Ke ngoko athetha-thethana esithi: “Masingasikrazuli; *masiqashise ngaso ukuba siya kuba sesikabani.” Ukwenjenje oku ayezalisekisa loo ndawo *eziBhalweni ithi:“Babelana ngeempahla zam;baqashisa ngesambatho sam.”Enza loo nto kanye amajoni.

25. Apho ngasemnqamlezweni kaYesu kwakumi unina, nodade bonina, noMariya umka-Kleyopa, kunye noMariya waseMagadala.

26. UYesu akumbona unina emi kunye naloo mfundi uYesu wayemthanda, wathi kunina: “Mama, nanko unyana wakho.”

27. Waza wathi kuloo mfundi: “Nanko unyoko.” Ukususela ngelo xesha loo mfundi wamthathela emzini wakhe unina kaYesu.

28. UYesu wayesazi ngoku okokuba konke kugqityiwe ukuba kuzalisekiswe okuxelwe *eziBhalweni, waza wathi: “Ndinxaniwe.”

29. Kwakukho isitya sizele yiwayini emuncu apho, baza bathi nkxu imfunxa kuloo wayini, bayibeka engcongolweni ekuthiwa yihisopu, bayisondeza emlonyeni kaYesu.

30. Akuba eyimfimfithile iwayini uYesu wathi: “Kugqityiwe.”Wee qubudu intloko, waphuma umphefumlo.

31. Kwakungokuhlwa okwandulela *iPasika. AmaJuda ayengathandi ukuba kubekho imizimba esaxhonywe eminqamlezweni *ngoMhla wokuPhumla, ngakumbi ngalo wePasika. Amcela ke uPilato ukuba yaphulwe imilenze yâbo babebethelelwe, baze bothulwe nasemnqamlezweni.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 19