Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 12:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngosuku lwesithandathu phambi *kwePasika uYesu waya eBhetani, apho wayehlala khona uLazaro, lowo uYesu wayemvuse ekufeni.

2. Walungiselelwa isidlo ke uYesu, waza uMarta wabaphakela, uLazaro engomnye wababehleli etafileni kunye noYesu.

3. UMariya wathatha amafutha angangxengwanga esiqholo esiyinadusi, abunzima bungaphezulwana kwamakhulu amathathu eegram, axabiso likhulu, wathambisa ngawo iinyawo zikaYesu, wazisula ngeenwele zakhe. Yatsho indlu yazala livumba elimnandi lesiqholo eso.

4. Ke ngoko omnye wabafundi bakaYesu, uJudas Sikariyoti, lowo wayeza kumngcatsha, wathi:

5. “Kutheni esi siqholo singàthengiswa ngamakhulu amathathu eerandi nje, ize loo mali inikwe amahlwempu?”

6. Esitsho nje, kwakungekuko okokuba ebewakhathalele amahlwempu, koko wayesitsho kuba wayelisela. Ingxowa yabo yemali yayiphathwa nguye, emana ukucuntsula kuyo.

7. Kodwa uYesu wathi: “Myeke; sukumkhathaza. Esi siqholo ebesigcinele ukulungiselela ukungcwatywa kwam.

8. Amahlwempu aya kuhlala ekho, kodwa aniyi kuhlala ninam mna.”

9. Yeva ke indimbane yamaJuda okokuba uYesu useBhetani, yaya khona, ingayi kubona uYesu kuphela, koko isiya kubona noLazaro, lowo uYesu wamvusayo ekufeni.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 12