Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 8:9-23 Ibhayibhile (XHO96)

9. Kuloo dolophu kwakukho indoda egama linguSimon, owayesenethuba elide esenza izimanga phakathi kwamaSamariya ngemilingo yakhe. Wayezenza uthile obalulekileyo.

10. Zaye iindidi zonke zabantu kuloo dolophu zimhlonela. Babesithi unamandla obuthixo, bembiza ngokuthi nguMandla-makhulu.

11. Babemhlonele kuba wayesebamangalise ixesha elide ngemilingo yakhe.

12. Kodwa bathi bakukholwa yintshumayelo kaFilipu yeendaba ezimnandi ezingolawulo lukaThixo oluthwasileyo negama likaYesu Krestu, kwabhaptizwa amadoda kwanamakhosikazi.

13. NoSimon wakholwa, waza akuba ebhaptiziwe akahlukana noFilipu, ekhwankqiswa yimimangaliso nemiqondiso awayeyenza uFilipu.

14. Bathi bakuva *abathunywa eJerusalem ukuba abantu baseSamariya balamkele ilizwi likaThixo, bathumela uPetros noYohane khona.

15. Bakufika khona babathandazela abakholwayo ukuba bamkele uMoya oyiNgcwele,

16. kuba wayengekabafikeli uMoya oyiNgcwele; nto nje babebhaptizelwe egameni leNkosi uYesu.

17. Aba bantu bamamkela uMoya oyiNgcwele, bakuba ooPetros noYohane bebabeke izandla.

18. USimon akubona ukuba bamkele uMoya oyiNgcwele, bakubekwa izandla ngabathunywa, wafuna ukubanika imali ooPetros noYohane,

19. esithi: “Nam ndipheni la mandla; khon' ukuze nabani na endimbeke izandla afumane uMoya oyiNgcwele.”

20. Waphendula wathi uPetros: “Hamb' uye kufa kunye naloo mali yakho, kuba ucinga ukuba isipho sesisa sikaThixo singathengwa ngemali!

21. Akunanxaxheba kulo msebenzi wethu, kuba iingcinga zakho azilunganga phambi koThixo.

22. Guquka kule nkohlakalo yakho, uthandaze ukuba uThixo akuxolele ngale nto inje,

23. kuba ndiyabona ukuba unekratshi elilizothe, waye ulikhoboka lokungcola.”

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 8