Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 7:50-57 Ibhayibhile (XHO96)

50. Ezi zinto azenziwanga ndim zonke na?’

51. “Bantundini baneenkani, abantliziyo ziqaqadekileyo, hayi ubuthulu benu emyalelweni kaThixo! Nifuz' ooyihlo! Nani nasoloko nimgiba uMoya oyiNgcwele!

52. Nguwuphi umshumayeli abangamtshutshisanga ooyihlo? Bazibulala izigidimi zikaThixo, ezathi kwangaphambili zakuvakalisa ukuza kwalowo uliLungisa. Kungokunje nimngcatshile namgebenga.

53. Umthetho kaThixo owaziswa zizithunywa zezulu, wamkelwa nini kanye – kodwa anikawuthobeli unangoku!”

54. Athi amalungu *eBhunga akuziva ezi zinto zithethwa nguStefano, acaphuka kangangokuba ade abe ngathi osuka amthi qwenge-qwenge.

55. Kodwa uStefano yena ezele nguMoya oyiNgcwele, wakhangela ezulwini, waza wabubona ubuqaqawuli bukaThixo, noYesu emi ewongeni ngakuThixo.

56. Waqhuba wathi: “Khawukhangele! Amazulu ndiwabona evulekile, *noNyana woLuntu emile ngasekunene kukaThixo!”

57. Kwesi sithuba basuka bazivingca iindlebe zabo, bahlahlamba kwathi nkxwe, baza basuka indulumbane phezu kwakhe.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 7