Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 7:31-46 Ibhayibhile (XHO96)

31. Lo mbono wammangalisa uMosis, wasondela etyholweni apho ukuba aliqwalasele. Suka weva ilizwi leNkosi lisithi:

32. ‘Mna ndinguThixo wookhokho bakho, uThixo ka-Abraham, kaIsake, noYakobi.’ UMosis wankwantya kukoyika, akabi saba nako ukulikhangela.

33. INkosi yathi kuye: ‘Khulula iimbadada ezo, kuba indawo le umi kuyo ingcwele.

34. Ndiyibonile ingcinezelo nentlupheko yabantu bam eJiputa; ndisivile isikhalo sabo; ke ngoku ndize kubahlangula. Yiza ke, ndikuthume eJiputa.’

35. “Lo ngulaa Mosis ambukulayo amaSirayeli esithi: ‘Ngubani okwenze induna nomgwebi phezu kwethu?’ Kanti ke lo Mosis unguyena mntu uThixo amthume ukuba abe ngumlawuli nomsindisi, esebenzisa isithunywa sezulu eso uMosis wasibona etyholweni elivuthayo.

36. Wabakhokela ke abantu ukuphuma eJiputa, wenza imiqondiso nemimangaliso, eJiputa nakuLwandle oluBomvu, kananjalo nasentlango, iminyaka emashumi mane.

37. Nguloo Mosis wathi kumaSirayeli: ‘UThixo uya kunithumela *umshumayeli ophuma kwalapha kumawenu njengam.’

38. Nguye lowa wayekunye nebandla likaSirayeli entlango. Wayekhona apho nookhokho bethu, ekwakunye nesithunywa sezulu esasithetha naye entabeni yeSinayi. Wamkela kuThixo imiyalelo ephilileyo ukuba ayidlulisele kuthi.

39. “Kananjalo ookhokho bethu bala ukumthobela, bambukula, besithi kubhetele baphindele kwaseJiputa.

40. Kungoko bathi kuAron: ‘Senzele *oothixo bokusikhokela, kuba asiyazi into emngeneyo laa Mosis wasikhupha eJiputa.’

41. Kungeli thuba ke apho baziqingqela umfanekiso wethole, baza balenzela umbingelelo, benza netheko lokuzivuyisa ngenxa yaloo nto yayenziwe zizandla zabo.

42. Ngenxa yaloo nto uThixo wabafulathela, wabayeka ukuba banqule iinkwenkwezi zezulu, njengoko kubhaliweyo encwadini *yabashumayeli kwathiwa:“ ‘MaSirayeli, yayingendim enanimxhelela,nimenzela amadini,iminyaka emashumi mane entlango.

43. *Yayisisibingelo *sesithixo *uMoleki enanisiphethe,nomfanekiso wenkwenkwezi yesithixo *uRefani.Zizithixo enazenzayo, khon' ukuze nizinqule.Ngoku ke ndiya kunigxothela ngaphaya kweBhabheli.’

44. “Ookhokho bethu bona babenaso entlango *isibingelelo esingqina ubukho bukaThixo. Sasakhiwe ngokomfanekiselo lowo uThixo wawubonisa uMosis.

45. Emva koko ookhokho bethu abasamkelayo isibingelelo kooyise, bahamba naso, kwada kwaza kuthi gaa ngexesha likaYoshuwa, xeshikweni bawuthathayo umhlaba wezizwe abazigxothelwa nguThixo. Sahlala ke isibingelelo eso kwada kwayimihla kaDavide.

46. Yena wathandeka kuThixo, waza wacela ukuba uThixo amvumele akhele inzala kaYakobi indlu yokunqula.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 7