Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 7:30-37 Ibhayibhile (XHO96)

30. “Emva kwamashumi amane eminyaka, kwabonakala isithunywa seNkosi kuMosis sisemalangatyeni etyholo elivuthayo entlango ngakwintaba yeSinayi.

31. Lo mbono wammangalisa uMosis, wasondela etyholweni apho ukuba aliqwalasele. Suka weva ilizwi leNkosi lisithi:

32. ‘Mna ndinguThixo wookhokho bakho, uThixo ka-Abraham, kaIsake, noYakobi.’ UMosis wankwantya kukoyika, akabi saba nako ukulikhangela.

33. INkosi yathi kuye: ‘Khulula iimbadada ezo, kuba indawo le umi kuyo ingcwele.

34. Ndiyibonile ingcinezelo nentlupheko yabantu bam eJiputa; ndisivile isikhalo sabo; ke ngoku ndize kubahlangula. Yiza ke, ndikuthume eJiputa.’

35. “Lo ngulaa Mosis ambukulayo amaSirayeli esithi: ‘Ngubani okwenze induna nomgwebi phezu kwethu?’ Kanti ke lo Mosis unguyena mntu uThixo amthume ukuba abe ngumlawuli nomsindisi, esebenzisa isithunywa sezulu eso uMosis wasibona etyholweni elivuthayo.

36. Wabakhokela ke abantu ukuphuma eJiputa, wenza imiqondiso nemimangaliso, eJiputa nakuLwandle oluBomvu, kananjalo nasentlango, iminyaka emashumi mane.

37. Nguloo Mosis wathi kumaSirayeli: ‘UThixo uya kunithumela *umshumayeli ophuma kwalapha kumawenu njengam.’

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 7