Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 7:17-24 Ibhayibhile (XHO96)

17. “Ekusondeleni kwexesha lokuba uThixo asizalisekise isithembiso awasenza kuAbraham, abantu bakuthi ababeseJiputa babesebande kakhulu.

18. Ekuhambeni kwethuba kwavela kumkani wumbi, owayengamazi uJosefu, wangumlawuli weJiputa.

19. Wabenzela ubutshijolo abantu bakowethu, wabakhohlakalela ookhokho bethu, ebanyanzela ukuba babalahle abantwana babo, ukuze babe sesichengeni sokufa.

20. Wazalwa ngeli xesha ke uMosis engumntwana omhle kakhulu. Wakhuliselwa ekhayeni lakhe iinyanga ezintathu;

21. waza wathi naye akulahlwa, wacholwa yintombi yokumkani waseJiputa, yazikhulisela yena.

22. Wabufunda bonke ubulumko bamaJiputa, waza waba yingcaphephe ekuthetheni nasekwenzeni.

23. “Akuba neminyaka engamashumi amane uMosis, watyelela amawabo amaSirayeli.

24. Wabona uwabo edlakathiswa ngumJiputa, waza wamnceda, waphindezela ngokumbulala umJiputa lowo.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 7