Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 7:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Umbingeleli omkhulu wabhekisa kuStefano wathi: “Khanyela watyholwa!”

2. Waza uStefano wathetha nentlanganiso wenjenje: “Mawethu nani bobawo, khanindiphulaphule. UThixo, eyona ngangalala, wabonakala kukhokho wethu uAbraham ngexesha awayehlala eMesopotami, ngaphambi kokuba aye kuhlala eHaran,

3. wathi kuye: ‘Suka, umke apha, uzishiye izizalwana zakho, kunye nelizwe lakowenu, uye kumhlaba endiya kukubonisa wona.’

4. Waza ke ngoko wawushiya umhlaba wamaKaledi, waya kuhlala eHaran. Emveni kokufa kukayise, uThixo wathi uAbraham makafudukele kweli lizwe nikulo nani ngoku.

5. Ngelo xesha uThixo akamnikanga nendawana le uAbraham kulo mhlaba, ukuba ayime: hayi, nditsho nomhlathana lo womhlaba! Kodwa kananjalo uThixo wamthembisa uAbraham ukuba uya kumnika loo mhlaba, awume yena nezizukulwana zakhe emva kwakhe. Ukusenza kwakhe uThixo esi sithembiso uAbraham wayengekazali mntwana.

6. UThixo wathetha ngolu hlobo kuye: ‘Isizukulwana sakho siya kufuduka, siye kuhlala elizweni lasemzini, apho siya kuba ngamakhoboka, sibandezeleke iminyaka engamakhulu amane.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 7