Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 4:7-15 Ibhayibhile (XHO96)

7. Babamisa phambi kwabo abathunywa, bababuza bathi: “Niyenze kanjani le nto? Gunya lini eli ninalo? Ligama likabani eli nisebenze ngalo?”

8. UPetros, ezele nguMoya oyiNgcwele, wabaphendula wathi: “Ziphathamandla nani badala,

9. xa namhlanje nisixoxisa ngesenzo esihle sokuphiliswa komntu osisiqhwala,

10. nina ninamaSirayeli ewonke yazini le nto ke: Lo mntu umi apha phambi kwenu ephile qete, uphile ngenxa yegunya legama likaYesu Krestu waseNazarete. Lowo nina nambethelela emnqamlezweni; wamvusa ke yena uThixo.

11. Lo Yesu ngulowo zithi *iziBhalo xa zithetha ngaye:“ ‘Ilitye enalidelayo nina bakhilaba lelona litye lesiseko.’

12. “Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.”

13. Amalungu *eBhunga amangaliswa kukubona ukungafihlisi kukaPetros noYohane, eqonda ukuba bangabantu nje abaqhelekileyo abangenamfundo. Baphawula nokuba babengamahlakani kaYesu.

14. Kodwa babengenandlela yokuphikisana nabo, kuba indoda le yayiphilisiwe yayimi apho kunye noPetros noYohane.

15. Babakhuphela ngaphandle kwendlu leyo yeBhunga, basala bona bexoxa bodwa.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 4