Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 4:30-37 Ibhayibhile (XHO96)

30. Philisa ngesandla sakho, unike amandla okuba imimangaliso nemiqondiso yenzeke ngegunya legama lesiCaka sakho osinyulileyo uYesu.”

31. Bakuba begqibile ukuthandaza, indawo ababehlangene kuyo yazanya-zanyiswa. Bonke bazaliswa nguMoya oyiNgcwele, baza baluthetha udaba lukaThixo benobuganga.

32. Ewonke amakholwa ayevana entliziyo-nye. Akukho bani wayekubanga oko anako, kuba babesabelana ngezinto zonke abanazo.

33. *Abathunywa babezingisa ukungqina ngovuko lweNkosi uYesu, waza uThixo wabasikelela xa bebonke.

34. Kwakungekho bani usweleyo phakathi kwabo. Ababenemihlaba nezindlu babethengisa ngazo, baze imali leyo bayifumeneyo

35. beze nayo, bayinike abathunywa, ize yabelwe ulowo nalowo ngokweentswelo zakhe.

36. UJosefu, *umLevi onkaba iseSipro, owathiywa ngabathunywa bathi nguBarnabha, uMthuthuzeli,

37. wathengisa umhlaba wakhe, waza wayizisa imali leyo kubathunywa.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 4