Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 4:26-31 Ibhayibhile (XHO96)

26. Iikumkani neziphathamandla zelizwe zahlangana,zavukela iNkosi *noKrestu wayo!’

27. “Kuba ngenene uHerode noPilato bahlangana kwesi sixeko kunye neentlanga, namaSirayeli, ngaye uYesu isiCaka sakho osinyulileyo, uMthanjiswa wakho.

28. Bahlangana ukuze bakwenze konke owawuselukumisele ngegunya nentando yakho ukuba kuya kwenzeka.

29. Kalokunje, Nkosi, zigqale izoyikiso zabo; thina zicaka zakho usenze siluthethe udaba lwakho ngesibindi.

30. Philisa ngesandla sakho, unike amandla okuba imimangaliso nemiqondiso yenzeke ngegunya legama lesiCaka sakho osinyulileyo uYesu.”

31. Bakuba begqibile ukuthandaza, indawo ababehlangene kuyo yazanya-zanyiswa. Bonke bazaliswa nguMoya oyiNgcwele, baza baluthetha udaba lukaThixo benobuganga.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 4