Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 4:18-24 Ibhayibhile (XHO96)

18. Babangenisa kwakhona, baza babayala ukuba ze bangaphindi bathethe okanye bafundise ngegama likaYesu.

19. UPetros noYohane bona baphendula bathi: “Zahluleleni nina ngokwenu ukuba kulunge kuphi na phambi koThixo; kukho ukwenza intando yenu, kukho nokwenza intando kaThixo.

20. Thina asinakuyeka ukuthetha ngento esiyibone sayiva ngokwethu.”

21. IBhunga labatyityimbisela umnwe, laza labakhulula. Alibanga nakroba lakubohlwaya, ngenxa yokoyika abantu, kuba babedumisa uThixo ngesi senzo.

22. Kaloku le ndoda yaphiliswa ngalo mmangaliso yayingaphezu kwamashumi amane eminyaka ubudala.

23. Bakuba bekhululwe uPetros noYohane babuyela kubahlobo babo, bababalisela okwathethwa kubo ngababingeleli abaziintloko bekunye nabadala.

24. Bevile ke, bonke bathandaza ngamxhelo mnye, besithi: “Nkosi, Mdali wezulu nomhlaba nolwandle nazo zonke izinto ezilapho,

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 4