Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 4:15-28 Ibhayibhile (XHO96)

15. Babakhuphela ngaphandle kwendlu leyo yeBhunga, basala bona bexoxa bodwa.

16. Babuzana besithi: “Singawathini la madoda? Wonke ubani apha eJerusalem uyazi ukuba lo mqondiso ungaqhelekanga wenziwe ngawo, sibe ke thina singenako ukuyiphika le nto.

17. Ukuze ke inganwenwi le nto phakathi kwabantu, masibalumkise bangaze bathethe nakubani ngegama likaYesu.”

18. Babangenisa kwakhona, baza babayala ukuba ze bangaphindi bathethe okanye bafundise ngegama likaYesu.

19. UPetros noYohane bona baphendula bathi: “Zahluleleni nina ngokwenu ukuba kulunge kuphi na phambi koThixo; kukho ukwenza intando yenu, kukho nokwenza intando kaThixo.

20. Thina asinakuyeka ukuthetha ngento esiyibone sayiva ngokwethu.”

21. IBhunga labatyityimbisela umnwe, laza labakhulula. Alibanga nakroba lakubohlwaya, ngenxa yokoyika abantu, kuba babedumisa uThixo ngesi senzo.

22. Kaloku le ndoda yaphiliswa ngalo mmangaliso yayingaphezu kwamashumi amane eminyaka ubudala.

23. Bakuba bekhululwe uPetros noYohane babuyela kubahlobo babo, bababalisela okwathethwa kubo ngababingeleli abaziintloko bekunye nabadala.

24. Bevile ke, bonke bathandaza ngamxhelo mnye, besithi: “Nkosi, Mdali wezulu nomhlaba nolwandle nazo zonke izinto ezilapho,

25. uDavide, isicaka sakho, ukhokho wethu, eqhutywa nguMoya oyiNgcwele wathi:“ ‘Kungani na iintlanga zisenza imbudumbudu nje?Kungani na ukuba abantu benze amayelenqe azé nje?

26. Iikumkani neziphathamandla zelizwe zahlangana,zavukela iNkosi *noKrestu wayo!’

27. “Kuba ngenene uHerode noPilato bahlangana kwesi sixeko kunye neentlanga, namaSirayeli, ngaye uYesu isiCaka sakho osinyulileyo, uMthanjiswa wakho.

28. Bahlangana ukuze bakwenze konke owawuselukumisele ngegunya nentando yakho ukuba kuya kwenzeka.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 4