Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 4:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwathi uPetros noYohane besathetha nabo abantu, kwafika ababingeleli nentloko yabalindi *bendlu kaThixo kunye *nabaSadusi.

2. Babekhathazekile kuba aba *bathunywa babefundisa abantu ngokuvuka kukaYesu ekufeni, nto leyo yayiqinisekisa ukuba abafileyo baya kuvuka.

3. Bababamba ke, babafaka entolongweni, ukuba balinde khona kude kube ngengomso, njengoko imini yayiselisangene.

4. Uninzi lwâbo bayivayo imfundiso leyo lwakholwa, laza ke landa inani labo laya kumawaka amahlanu.

5. Ngomhla olandelayo iinkokheli zamaJuda, nabadala, nabachazi-mthetho, bahlangana eJerusalem.

6. YayingooAnas umbingeleli omkhulu, noKayafa, noYohane, noAlesandire, kwanabanye bendlu yombingeleli omkhulu, ababelapho.

7. Babamisa phambi kwabo abathunywa, bababuza bathi: “Niyenze kanjani le nto? Gunya lini eli ninalo? Ligama likabani eli nisebenze ngalo?”

8. UPetros, ezele nguMoya oyiNgcwele, wabaphendula wathi: “Ziphathamandla nani badala,

9. xa namhlanje nisixoxisa ngesenzo esihle sokuphiliswa komntu osisiqhwala,

10. nina ninamaSirayeli ewonke yazini le nto ke: Lo mntu umi apha phambi kwenu ephile qete, uphile ngenxa yegunya legama likaYesu Krestu waseNazarete. Lowo nina nambethelela emnqamlezweni; wamvusa ke yena uThixo.

11. Lo Yesu ngulowo zithi *iziBhalo xa zithetha ngaye:“ ‘Ilitye enalidelayo nina bakhilaba lelona litye lesiseko.’

12. “Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.”

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 4