Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 28:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ekubeni sisindile safika apho esiqithini, safumana ukuba igama laso yiMalta.

2. Abantu balapho basenzela ububele. Yana imvula, kwaza kwabanda kakhulu. Ke kaloku abantu balapho basibasela umlilo, bebonisa ukusamkela kwabo.

3. UPawulos waqokelela ibathwana leenkuni, kwathi xa abasayo kwaphuma inyoka apho emlilweni, isiva ubushushu, yaza yamluma esandleni.

4. Abantu balapho bathi bakuyibona inyoka ijinga esandleni sikaPawulos bathi omnye komnye: “Lo mntu kucaca ukuba usisigebenga; nakuba esindile nje elwandle, akanakusinda kwimpindezelo kaThixo.”

5. Wasuka yena uPawulos wayivuthulula yawa emlilweni apho inyoka leyo, yena akenzakala konke.

6. Bona babelindele ukuba adumbe, okanye asuke afe. Kodwa emva kokulinda ithuba elide bengaboni nto ingaqhelekanga kuye, baziguqula iingcinga zabo, bathi unguthixo.

7. Mganyana nje ukusuka apho kwakukho amasimi kaPubliyo inkosi yeso siqithi. Wasamkela ngobubele, saza saziindwendwe zakhe iintsuku ezintathu.

8. Uyise kaPubliyo wayelele enomkhuhlane nesisu segazi. Waza uPawulos waya kuye, wamthandazela, wambeka izandla, waphila.

9. Akuba emphilisile, kwatsho kweziswa bonke abantu abagulayo beso siqithi, baphiliswa nabo.

10. Basinika izipho ezininzi, baza xa sihambayo basiphathisa izinto ezaziyimfuneko eluhambeni.

11. Emva kweenyanga ezintathu sanduluka apho ngenqanawa eyayichithe ubusika esiqithini apho, isuka eAlesandriya. Igama layo kwakusithiwa yiDiyoskuri.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 28