Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 27:27-38 Ibhayibhile (XHO96)

27. Yayibubusuku beshumi elinesine sidudulwa luqhwithela kuLwandle lweAdriya. Kwathi malunga phakathi kobusuku, oomatiloshe bakrokrela ukuba asikude emhlabeni.

28. Baphosa intambo ebotshelelwe intsimbi emanzini, belinganisa ubunzulu bamanzi, baza bafumana ingamashumi amathathu anantandathu eemitha ubunzulu. Baphinda emva koko, baza bafumana amashumi amabini anesixhenxe eemitha.

29. Bathi ngenxa yokuba besoyika ukuba isuke inqanawa yethu iphoseke ematyeni, bazithoba zane iiankile esinqeni senqanawa, sebelangazelela ukuba kuse.

30. Oomatiloshe bazama ukuzímela, bathobela iphenyane emanzini, bezenza ngathi ba-ankila umphambili wenqanawa.

31. Kodwa wathi uPawulos kumphathi-butho: “Ukuba oomatiloshe abahlali apha enqanaweni, aninakusinda.”

32. Asuka ke amajoni azinqumla iintsontela ezazibambe iphenyane, laza lona lawa emanzini.

33. Ekuseni uPawulos wabacenga ukuba batye, esithi: “Ngoku lishumi elinesine leentsuku nilindile, ningasafaki nento le etyiwayo emlonyeni.

34. Ndiyanibongoza, yityani. Niya kuncedwa kukutya kule ngozi. Anisayi kulahlekelwa nalunwele olu.”

35. Akuba etshilo uPawulos, wathatha isonka, wabulela kuThixo, watya phambi kwabo.

36. Bomelezeka ke, baza bathatha ukutya, batya bonke.

37. Sasingamakhulu amabini anamashumi asixhenxe anesithandathu sisonke.

38. Bakuba betyile, bawuphungula umthwalo wenqanawa ngokuphosa ingqolowa elwandle.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 27