Sangena enqanaweni eyayivela eAdramita, iza kunduluka iye kwizikhululo-nqanawe zephondo laseAsiya, sahamba ngayo. Wayekunye nathi uAristarko waseTesalonika, ekummandla waseMakedoni.