Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 27:13-24 Ibhayibhile (XHO96)

13. Kwavela umoyana ngasezantsi, aza amadoda acinga ukuba angalilinga iqhinga lawo. Bayitsalela enqanaweni iankile, baza ke bayiqhuba inqanawa begudle unxweme lwaseKrete.

14. Kodwa kwakamsinyane kwabakho umoyakazi ekuthiwa nguMntla-mpuma, uvela ngasesiqithini apho.

15. Wayintlitha inqanawa; kwathi kuba yayingenakuqhutywa ijonge ngqo emoyeni inqanawa, asabi salinga, sasuka sayiyeka yadudulwa ngumoya.

16. Safumana indawo esithileyo ukudlula kwethu emazantsi esiqithana iKhawuda. Salitsalela enqanaweni apho iphenyana kunzima.

17. Oomatiloshe balibophelela, baza bayiqamangela ngentsontela inqanawa. Babesoyika ukuba bangaxinga enyeleni yonxweme xa bedlula ngaseLibhiya. Bayithoba ke iseyile ukuze inqanawa ityhalwe ngumoya.

18. Lwavuthuza njalo uqhwithela, baza ngengomso baqala bawulahlela elwandle umthwalo.

19. Kwathi ngolwesithathu usuku bazilahla ngezandla zabo iimpahla zenqanawa.

20. Yaba ziintsuku ezininzi singenakulibona ilanga neenkwenkwezi, yaye uqhwithela lona lusitsho ukuvuthuza. Ekugqibeleni sancama ukuba singásinda.

21. Emva kwexesha elide amadoda lawo engatyi, waphakama uPawulos wathi: “Madoda, ukuba nanindivile asemka eKrete, ngesiwuphephile wonke lo monakalo nale lahleko ingaka.

22. Kodwa ke qinani, ndiyanibongoza! Kuba akukho bani uza kuphulukana nobomi bakhe; yinqanawa yodwa eza konakala.

23. Kuba phezolo isithunywa sikaThixo, lo ndingowakhe ndimnqulayo, sifike kum,

24. sathi: ‘Sukoyika, Pawulos! Uza kuma phambi *koKhesare. UThixo ngokulunga kwakhe uza kubasindisa bonke aba uhamba nabo.’

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 27