Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 26:8-19 Ibhayibhile (XHO96)

8. Kungani na ningakholwa nje, maJuda, ukuba uThixo uyabavusa abafileyo?

9. “Mna lo ndandiba yinto efanelekileyo ukwenza nayiphi na into, ndilichasa igama likaYesu waseNazarete.

10. Ndandisenza loo nto kanye eJerusalem. Ndandigunyaziswa ngababingeleli abaziintloko ukuba ndivalele entolongweni abantu bakaThixo abaninzi. Kwakusithi xa begwetyelwa ukufa, nam ndihambisane neso sigqibo.

11. Amaxesha ngamaxesha ndandisiya *ezindlwini zesikhungo, ndifike ndibohlwaye, ndisenzela ukuba bahlukane nokholo lwabo. Ngangengcwangu endandinayo ngakubo ndandide ndiye kubatshutshisa nakwezikude iidolophu.”

12. “Kwakungale njongo ke kanye ukuze ndiye eDamasko, ndinamagunya endawafumana kubabingeleli abaziintloko.

13. Endleleni apho, emini emaqanda, mhlekazi, ndabona ukukhanya okubengezela ngaphezu kokukhanya kwelanga, kuvela esibhakabhakeni, kundibengezelela ngeenxa zonke, naloo madoda ndandihamba nawo.

14. Xa sisonke sawa phantsi, ndaza ndeva ilizwi lithetha nam ngesiHebhere, lisithi: ‘Sawule, Sawule, unditshutshisela ntoni? Uyazenzakalisa ngezi nkani zakho!’

15. ‘Ungubani, Nkosi?’ ndabuza ndatsho. Yathi iNkosi: ‘Mna ndinguYesu, lo umtshutshisayo.

16. Vuka ume ngeenyawo. Ndibonakala kuwe ngesi sizathu sokuba ndikumisele ube sisicaka sam, ungqine kwabanye abantu ngokundibona kwakho namhlanje, nangezinto endisaza kukubonisa zona.

17. Ndikuhlangula kumaSirayeli nasezintlangeni; phofu ndikuthuma kwakuzo,

18. ukuba uvule amehlo azo, uziguqule ziphume ebumnyameni, zize ekukhanyeni, ziphume egunyeni likaSathana, zize kuThixo, ukuze zithi ngenxa yokuzinikela kum zixolelwe izono zazo, futhi zizuze indawo phakathi kwabantu bakaThixo abanyuliweyo.’ ”

19. “Ngoko ke, kumkani Agripa, ndawuthobela umbono lowo wawuvela ezulwini.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 26