Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 26:1-17 Ibhayibhile (XHO96)

1. UAgripa wathi kuPawulos: “Uvumelekile ukuzithethelela.” UPawulos ke waphakamisa isandla, wenjenje ukuziphendulela:

2. “Kumkani Agripa, ndinenyhweba ukuba ndibe ndiza kuziphendulela phambi kwakho namhlanje, kuzo zonke ezi ndawo ndityholwa ngazo ngamaJuda;

3. nangakumbi kuba wena unolwazi ngamasiko amaJuda nezinye iinkcukacha zobuJuda. Uze undiphulaphule ngenyameko ke.

4. “Iyaziwa ngawo onke amaJuda indlela endandiziphethe ngayo kwandiselula. Ayayazi kwakudala indlela endandihlala ngayo kummandla wakowethu naseJerusalem.

5. Kudala kakade esazi, ukuba angathanda ukuyingqina loo nto, ukuba mna kwasekuqaleni ndaba lilungu lelona qela lingqongqo kunqulo lwakowethu, iqela *labaFarasi.

6. Kungokunje naku ndimi apha, ndize ematyaleni ngenxa yethemba endinalo kwidinga uThixo âlenza nookhokho bethu;

7. kanye elo dinga zililangazelelayo xa zizonke ezi zizwe zakowethu zilishumi elinambini, njengoko zimnqula uThixo imini nobusuku. Kungenxa yeli themba ke, mhlekazi, endimangalela nje amaJuda.

8. Kungani na ningakholwa nje, maJuda, ukuba uThixo uyabavusa abafileyo?

9. “Mna lo ndandiba yinto efanelekileyo ukwenza nayiphi na into, ndilichasa igama likaYesu waseNazarete.

10. Ndandisenza loo nto kanye eJerusalem. Ndandigunyaziswa ngababingeleli abaziintloko ukuba ndivalele entolongweni abantu bakaThixo abaninzi. Kwakusithi xa begwetyelwa ukufa, nam ndihambisane neso sigqibo.

11. Amaxesha ngamaxesha ndandisiya *ezindlwini zesikhungo, ndifike ndibohlwaye, ndisenzela ukuba bahlukane nokholo lwabo. Ngangengcwangu endandinayo ngakubo ndandide ndiye kubatshutshisa nakwezikude iidolophu.”

12. “Kwakungale njongo ke kanye ukuze ndiye eDamasko, ndinamagunya endawafumana kubabingeleli abaziintloko.

13. Endleleni apho, emini emaqanda, mhlekazi, ndabona ukukhanya okubengezela ngaphezu kokukhanya kwelanga, kuvela esibhakabhakeni, kundibengezelela ngeenxa zonke, naloo madoda ndandihamba nawo.

14. Xa sisonke sawa phantsi, ndaza ndeva ilizwi lithetha nam ngesiHebhere, lisithi: ‘Sawule, Sawule, unditshutshisela ntoni? Uyazenzakalisa ngezi nkani zakho!’

15. ‘Ungubani, Nkosi?’ ndabuza ndatsho. Yathi iNkosi: ‘Mna ndinguYesu, lo umtshutshisayo.

16. Vuka ume ngeenyawo. Ndibonakala kuwe ngesi sizathu sokuba ndikumisele ube sisicaka sam, ungqine kwabanye abantu ngokundibona kwakho namhlanje, nangezinto endisaza kukubonisa zona.

17. Ndikuhlangula kumaSirayeli nasezintlangeni; phofu ndikuthuma kwakuzo,

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 26