Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 23:1-18 Ibhayibhile (XHO96)

1. UPawulos wawajonga ntsho amalungu eBhunga, wathi: “Mawethu, kude kuze kuba yile mininje andinasazela nganto ngobomi bam bonke phambi koThixo.”

2. Akutsho, umbingeleli omkhulu uHananiya wayalela ukuba uPawulos ampakazwe emlonyeni ngabo babekufuphi naye.

3. Waphendula uPawulos wathi: “UThixo uya kukubetha, ludongandini luvetiweyo; uchophele ukundigweba ngokomthetho, kodwa kwawena uyawaphula umthetho, uthi mandibethwe!”

4. Amadoda awayekufuphi noPawulos athi kuye: “Ngumbingeleli omkhulu kaThixo lo umthukayo!”

5. UPawulos wathi: “Hayi, mawethu, bendingamazi ukuba ungumbingeleli omkhulu. Kaloku *iziBhalo zithi: ‘Ungàthethi kakubi ngomlawuli wabantu bakho.’”

6. Akuqonda uPawulos ukuba kweli qela kukho *abaSadusi kwakunye *nabaFarasi, wabhekisa eBhungeni apho, wathi: “Mawethu, mna ndingumFarasi ongunyana womFarasi. Ndisematyaleni nje kungenxa yokuba ndinethemba lokuba abafileyo baya kuvuka.”

7. Akutsho abaFarasi nabaSadusi baxabana bodwa, baza bahlukana kubini.

8. Kaloku bona abaSadusi bathi abantu abayi kuvuka ekufeni, bakwathi akukho zithunywa zezulu, akukho namimoya, kodwa abaFarasi bona bayakholelewa kwezi zinto zontathu.

9. Kwathi ke kwakuba njalo, kwaxokozela, abanye babachazi-mthetho beqela labaFarasi baphakama bekhalaza besithi: “Thina asifumani nto ingalunganga kule ndoda! Mhlawumbi ngenene umoya othile okanye isithunywa sezulu sithethile nayo.”

10. Ingxoxo leyo yakhula kangangokuba ingqwayi-ngqwayi yaba sexhaleni lokuba uPawulos bosuka bamthi qwenge-qwenge. Ngoko ke yayalela ukuba amajoni amthathe uPawulos apho entlanganisweni, aye naye enqabeni yomkhosi.

11. Ngobo busuku iNkosi yema ngakuPawulos, yathi: “Qina! Njengokuba undingqine apha eJerusalem nje, kufuneka wenze kwaloo nto naseRoma.”

12. Ngentsasa elandelayo amaJuda adibana enza iyelenqe. Azibopha ngesifungo sokuba angatyi angaseli engambulalanga uPawulos.

13. Ayengaphezu kwamashumi amane kweli yelenqe.

14. Aza ke aya kubabingeleli abaziintloko nakubadala athi: “Sizibophe ngesifungo, saye sizimisele ukuba singafaki nto phantsi kwempumlo singekambulali uPawulos.

15. Nina ke *neBhunga thumelani kumphathi-mkhosi wamaRoma ukuba azise uPawulos kuni, nenze ngathi nisafuna ukuncina inyaniso ngaye. Thina ke soba sesilungile, simhlasele simbulale engekafiki kuni.”

16. Kodwa weva ngeli yelenqe unyana wodade boPawulos, waza ke waya kungena enqabeni yamajoni, wamxelela ngalo uPawulos.

17. UPawulos ubize umphathi-butho, wathi kuye: “Yisa lo mfana kwingqwayi-ngqwayi. Kukho into afuna ukuyixelela yona.”

18. Umphathi-butho wamthatha wamsa kwingqwayi-ngqwayi, wafika wathi: “Ndibizwe ngumbanjwa uPawulos, wathi mandize nalo mfana kuwe, kuba kukho into aza kukuxelela yona.”

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 23