Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 22:3-15 Ibhayibhile (XHO96)

3. “Mna ndingumJuda, ndazalelwa eTarso kwelaseKiliki, kodwa ndakhulela apha eJerusalem, ndingumfundi kaGamaliyeli. Ndafumana ingqeqesho ecokisekileyo kumthetho wookhokho bethu; futhi ndandizinikele kuThixo, ndinjengokuba ninjalo nani namhlanje.

4. Ndandibatshutshis' ukufa abantu abalandela le Ndlela. Ndandiwabamba amadoda kwanabafazi, ndibafake entolongweni.

5. Umbingeleli omkhulu *neBhunga xa lilonke bangangqina ukuba ndithetha inyaniso xa nditshoyo. Ndandithatha iincwadi kubo, zibhalelwe amaJuda aseDamasko, ndize mna ndihambe ndiye kubamba abantu, ndibabuyise bekhonkxiwe, ndibazise eJerusalem, ukuze bohlwaywe.”

6. “Ndathi xa ndandihamba ndisondela eDamasko, emini emaqanda, ndabona ukukhanya okuqaqambileyo esibhakabhakeni kundibengezelela ngeenxa zonke.

7. Ndawa emhlabeni, ndaza ndeva ilizwi lisithi: ‘Sawule, Sawule, unditshutshisela ntoni na?’

8. Ndabuza ndathi: ‘Ungubani wena, Nkosi?’ Laphendula lathi: ‘NdinguYesu waseNazarete, lo umtshutshisayo.’

9. Amadoda endandihamba nawo akubona okunene ukukhanya, kodwa akazange ayive into ethethwa ngulowo wayethetha nam.

10. Ndabuza ndathi: ‘Ndingenza ntoni, Nkosi?’ Yaza yathi iNkosi kum: ‘Vuka, uye eDamasko; woyixelelwa khona apho into yonke akumisele ukuba uyenze uThixo.’

11. Ukubengezela kokukhanya oko ndakubonayo kwanditsho ndayimfama, baza abo babendiphahlile bandibamba ngesandla, bandikhokelela eDamasko.

12. “Apho ke kwakukho indoda ethile egama linguHananiya. Yayiyindoda ewuzondeleleyo iwuthobele *umthetho, ihlonelwa kakhulu ngawo onke amaJuda aseDamasko.

13. Yeza yafika yema ecaleni kwam, yathi: ‘Sawule, mfondini, buya ubone.’ Kanye ngaloo mzuzu avuleka amehlo am, ndaza ndabona.

14. Wathi: ‘UThixo wookhokho bethu ukukhethele ukuba ukwazi ukuthanda kwakhe, ukuze usibone isiCaka sakhe esililungisa, uve ilizwi lakhe lithetha nawe,

15. kuba uya kuba lingqina lakhe, wazise bonke abantu izinto ozibonileyo nozivileyo.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 22