Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 22:18-30 Ibhayibhile (XHO96)

18. Ndabona iNkosi isithi kum: ‘Khawuleza umke eJerusalem, kuba abantu balapha abayi kubamkela ubungqina bakho ngam.’

19. Ndathi ke mna: ‘Nkosi, bazi kakuhle ukuba ndandifika ndibabambe abo bazinikele kuwe, ndibabethele apho *ezindlwini zesikhungo.

20. Kanti nangamhla kwakubulawa uStefano, ingqina lakho, nam ndandikho. Ndandihambisana nokugwintwa kwakhe, neempahla zababemgebenga zigcinwe ndim lo.’

21. Yathi kum iNkosi: ‘Hamba, kuba ndiza kukuthuma kude kweleentlanga.’ ”

22. Babemphulaphule abantu uPawulos, kwada kwaza kutsho kule ndawo; basuka ke batsho ngentswahla besithi: “Msuse! Bulala loo nto!”

23. Kwakuthe nzwii yingxolo, bejiwuzisa iimpahla zabo, kuqhuma uthuli.

24. Ingqwayi-ngqwayi yomkhosi wamajoni amaRoma yathi uPawulos makangeniswe enqabeni yawo, akatswe, kuncinwe unobangela wento amxhibe ngayo amaJuda, ukuze angxole kangaka.

25. Kuthe sebembophelele, beza kumkatsa, uPawulos wabhekisa kumphathi-butho owayemi apho, wathi: “Khawutsho, kusemthethweni ukuba ungámbetha ummi ongumRoma engakhanga afunyanwe enetyala?”

26. Umphathi-butho akuyiva le nto, waya kwingqwayi-ngqwayi, wathi: “Uza kuthini ke? Lo mfo ngummi ongumRoma.”

27. Ingqwayi-ngqwayi ke yaya kuPawulos, yathi: “Khawutsho: ungummi ongumRoma wena?” Wavuma uPawulos.

28. Ingqwayi-ngqwayi yaqhuba isithi: “Ndahlawula imali eninzi ukuze ndibe ngummi ongumRoma.”UPawulos wathi ukuphendula: “Kodwa ke mna ndinguye ngokuzalwa.”

29. Kwangoko loo madoda ayeza kumncina uPawulos arhoxa, ingqwayi-ngqwayi yoyika yakuqonda ukuba uPawulos wayengummi ongumRoma, imkhonkxe ngamatyathanga nje.

30. Ingqwayi-ngqwayi yafuna ukuqiniseka ngetyala awayemmangalela ngalo amaJuda uPawulos. Ithe ke ngengomso makakhululwe amatyathanga uPawulos, kubizwe ababingeleli abaziintloko kunye *neBhunga xa lilonke. Yaza ke yeza kummisa phambi kwentlanganiso uPawulos.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 22