Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 21:14-28 Ibhayibhile (XHO96)

14. Sancama ke, kuba singabanga nakumoyisa, sathi: “Makwenzeke ukuthanda kweNkosi.”

15. Emva kwexesha silapho salungiselela ukuya eJerusalem.

16. Abanye babalandeli bakaYesu baseKhesariya bahamba nathi, basisa endlwini yendoda egama linguMnaso, esathi sahlala nayo. Loo ndoda yayingumfo waseSipro, ilikholwa elaguquka kwimihla yangaphambili.

17. Ekufikeni kwethu eJerusalem, amakholwa asamkela ngezandla ezishushu.

18. Ngengomso sahamba noPawulos, saya kubona uYakobi. Nabo bonke abadala bebandla babekhona.

19. Ebabulisile uPawulos, wabanika ingxelo epheleleyo ngezinto zonke uThixo awayezenzile ngaye phakathi kweentlanga.

20. Bathi bakuziva, bamdumisa uThixo xa bebonke. Baza bacebisa bathi kuPawulos: “Mfondini, nawe uyazibonela ngokwakho ukuba apha kukho amawaka-waka amaJuda aguqukileyo angamakholwa, kodwa asabambelele *emthethweni kaMosis.

21. Evile ke ngawe ukuba wena ufundisa onke amaJuda ahlala kumazwe eentlanga, ukuba awulahle umthetho kaMosis. Futhi kuthiwa wena uthi makangabolùsi abantwana bawo, bangawalandeli namasiko esiJuda.

22. Kunjalonje aza kuva ukuba ufikile. Uthi kungenziwa ntoni?

23. Phulaphula ke, sikucebise! Apha kukho amadoda amane azibophe ngesifungo.

24. Ngoko ke wena zibandakanye nawo, ungene *ekuhlanjululweni, uze uwahlawulele iindleko zawo, abe nako ukuzicheba iintloko zawo. Ngale ndlela ke wonke umntu uya kuqonda ukuba bubuxoki yonke le nto bayivileyo ngawe – ndaweni yaloo nto wena ngokwakho usawugcinile umthetho kaMosis.

25. Kodwa zona iintlanga ezingamakholwa sasizibhalele ileta ngokwesigqibo sethu, sibayala ukuba bangakutyi ukutya kwedini, nanyama inegazi, nasilwanyana sikrwitshiweyo, futhi bazikhwebule ekurheletyeni.”

26. Ke kaloku uPawulos wahlangana nawo loo madoda, waza ngengomso walenza kunye nawo isiko lokuhlanjululwa. Waza ke waya endlwini kaThixo ukuya kwenza amalungiselelo alo mcimbi, ngokukodwa malunga nomnikelo owawuya kufuneka ekupheleni kwexesha lentlambululo.

27. Xa zaziza kuphela iintsuku ezisixhenxe *zentlambululo, amaJuda athile ephondo laseAsiya ambona uPawulos *esendlwini kaThixo. Avusa uqhushululu ebantwini, ambamba uPawulos,

28. akhwaza esithi: “MaSirayeli, yizani! Nantsi le ndoda ihamba ithetha kakubi ngamaSirayeli, *ngomthetho kaMosis, nangendlu kaThixo, kumntu wonke. Ngoku ize kungcolisa le ndawo ingcwele ngokungenisa iintlanga kuyo.”

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 21