Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 20:13-25 Ibhayibhile (XHO96)

13. Thina sahlabela mgama, sihamba ngenqanawa, saya kutsho eAso, apho sasiza kuthatha uPawulos khona, kuba lo yayingumyalelo wakhe, njengoko yena wayehamba emhlabeni.

14. Wathi akudibana nathi eAso, sahamba naye saya kufika eMitilene.

15. Sasuka apho, saya kudlula malunga neKiyo ngosuku olulandelayo. Kwakhona ngemini elandelayo safika eSamo, saza ngengomso saya kufika eMileto.

16. UPawulos wayegqibe ukuba angagqithi e-Efese, ukuze angachithi xesha kwiphondo laseAsiya. Wayengxamele ukuba usuku *lwePentekoste lumfikele eseJerusalem xa kunokwenzeka.

17. Sathi xa siseMileto, uPawulos wathumela e-Efese, ukuba abadala bebandla baye kuye.

18. Bakufika wathi kubo: “Nina ngokwenu niyayazi kakuhle indlela endahlala nani ngayo, ukusuka kwimini yokuqala endathi ndafika ngayo kweli phondo laseAsiya.

19. Njengesicaka seNkosi, umsebenzi wam ndawenza ngentobeko ndisezinyembezini, nakumaxesha anzima ândifikeláyo ngenxa yamayelenqe amaJuda.

20. Niyazi ukuba andinifihlelanga nto ebinokuba luncedo kuni, xa bendishumayela ndinifundisa esidlangalaleni nasemakhayeni enu.

21. KumaJuda nasezintlangeni ndazingisa ukubalumkisa abantu ukuba baguqukele kuThixo beyivuma iNkosi yethu uYesu.

22. Ngoku ke ngokuthundezwa nguMoya oyiNgcwele ndiya eJerusalem, ndingayazi into eya kundihlela khona.

23. Ndazi nto-nye, le yokuba kuzo zonke iidolophu uMoya oyiNgcwele undilumkisile ukuba ndilindelwe yintolongo neenkxwaleko.

24. Kodwa kum ukuphila akubalulekanga ngaphezu kokuba ndilufeze ubizo lwam, ndiwugqibe umsebenzi endawunikwa yiNkosi wokuvakalisa iindaba ezimnandi zesisa sikaThixo.

25. “Ndijikelezile phakathi kwenu, ndivakalisa ngolawulo lukaThixo kuni. Ibe ngoku ndazi kakuhle ukuba akukho bani kuni uya kuphinda andibone.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 20