Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 2:9-20 Ibhayibhile (XHO96)

9. Thina singamaParti, namaMedi, namaElam, nabaseMesopotami, nabakwaJuda, nabaseKapadoki; singabasePonto naseAsiya,

10. eFrigi nasePamfili, naseJiputa nabemimandla yaseLibhiya engaseKirene, nabahambi abavela eRoma.

11. SingamaJuda nabangeni buJudeni, amaKrete nama-Arabhu. Siyabeva beyithetha ngeelwimi zethu imisebenzi yamandla kaThixo.”

12. Bethe nqa ke bexakiwe, babuzana bathi: “Awu! Ngaba ithetha ntoni le nto?”

13. Abanye baphoxisa ngabo, bathi: “À, suka! Banxilile!”

14. Waphakama uPetros, wabhekisa ebantwini, ethetha egameni labafundi abalishumi elinambini, wathi: “Mawethu, maJuda, nani nonke bemi baseJerusalem, phulaphulani nibeke iindlebe, nantsi indawo emaniyiqonde:

15. La madoda akanxilanga njengoko niba kunjalo nina, kuba kusekusasa ngentlazane,

16. koko le nto yenzekayo yileya yaxelwa *ngumshumayeli uJoweli esithi:

17. “ ‘Yiyo le into endiya kuyenza ngemihla yokugqibela;’ utsho uThixo:‘Ndiya kugalela uMoya wam kulo lonke uluntu,oonyana neentombi zenu zishumayele,abafana babone imibono,amaxhego aphuphe amaphupha.

18. Ewe, nezicaka nezicakazana zamndiya kuzigalela ngoMoya wam ngaloo mihla,zize zishumayele.

19. Ndiya kwenza imiqondiso esibhakabhakeni phezulu,nezimanga emhlabeni phantsi.Kuya kubakho igazi nomlilo nentshinyela yomsi.

20. Ilanga liya kujika libe bubumnyama,inyanga ibe bomvu njengegazi,phambi kokufika kwaloo mhla mkhulu udumileyo weNkosi.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 2