Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 2:30-41 Ibhayibhile (XHO96)

30. Njengokuba *wayengumshumayeli, wayesazi isithembiso sokuba uThixo wafunga ukuba omnye kubazukulwana bakhe uya kuba ngukumkani njengaye.

31. Walubona ke kwangaphambili uvuko lukaKrestu, wathetha ngalo, exela ukuba akayi kuyekwa kwelabafileyo, futhi engayi kubola.

32. UThixo ke wamvusa ekufeni lo Yesu; saye ke thina sonke singamangqina aloo nto.

33. Njengoko anyuselwe ewongeni kuThixo, wamkele uMoya oyiNgcwele, lowo wathenjiswayo nguYise. Le nto ke niyibonayo niyivayo ngoku kukugalelwa kwaloo Moya kuthi.

34. Kaloku uDavide akanyukelanga ezulwini yena ngokwakhe, koko uthi:“ ‘INkosi yathi eNkosini yam:Hlala ngakum kweli wonga

35. lo gama ndikoyisela iintshaba zakho.’

36. “Ngenxa yoko qinisekani, mzi kaSirayeli, ukuba lo Yesu enambethelela emnqamlezweni, uThixo ummisele wayiNkosi *ekwanguKrestu.”

37. Yabahlabanisela kakhulu intetho kaPetros abantu, bakuba beyivile; baza bathi kuPetros *nabathunywa ababenaye: “Kufuneka senze ntoni, mawethu?”

38. Wathi uPetros kubo: “Guqukani ezonweni zenu nonke ngabanye, nibhaptizwe egameni likaYesu Krestu, ukuze nixolelwe izono zenu, nize namkele isipho soMoya oyiNgcwele.

39. Kuba isithembiso esenziwa nguThixo senzelwa nina nabantwana benu, kwanâbo bakude, bebonke abo iNkosi uThixo wethu ibabizayo.”

40. Wathetha wophela ke uPetros ebaluleka esithi: “Zahlukaniseni naba bantu bakhohlakeleyo, khon' ukuze ningehlelwa sisohlwayo sabo.”

41. Abantu abaninzi balwamkela olu daba, baza babhaptizwa. Baba ngamawaka amathathu abantu abongezelelwayo enanini labo.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 2