Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 2:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ekufikeni komhla *wePentekoste babehlangene ndawonye bonke.

2. Ngesaquphe beva isandi esingathi kukuza komoya omkhulu, uvuthuza esibhakabhakeni. Sayizalisa indlu ababehleli kuyo isandi eso.

3. Kwabonakala amadangatye angathi ziilwimi, laza lalelo idangatye lahlala kumntu ngamnye kubo.

4. Bazaliswa ke bonke nguMoya oyiNgcwele, baza bathetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wabaphayo.

5. EJerusalem apho kwakukho amaJuda, abantu ababenenzondelelo ngezinto zikaThixo, bevela kuzo zonke izizwe zehlabathi.

6. Bakukuva oko kwakusenzeka, kwahlanganisana indimbane yabantu, bonke bemangalisiwe kukuva abalandeli bakaYesu bethetha iilwimi zabo.

7. Bethe khumnqa, bathi: “Okunene aba bantu ngamaGalili bonke!

8. Ke, kutheni le nto sonke ngabanye sibeva bethetha nathi ngolwimi lweenkobe?

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 2