Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 18:12-24 Ibhayibhile (XHO96)

12. Kwathi akuba uGaliyo eyirhuluneli emele amaRoma kwisithili saseAkaya, amaJuda adibana ngoPawulos, amthatha amsa enkundleni, afika athi:

13. “Le ndoda izama ukuwexula abantu ukuba bakhonze uThixo ngendlela ephambeneyo nomthetho.”

14. Kwathi xa aza kuphendula uPawulos, uGaliyo wabhekisa kumaJuda wathi: “Ukuba ngaba lo mbandela ubuyimpazamo ethile, okanye ityala elibi, bendingade ndiyinyamezele le nto, maJuda.

15. Kodwa ke ngenxa yokuba lo mbandela uphathelele kumazwi, namagama, nomthetho wenu, ziboneleni nina ukuba ningawulungisa njani na. Mna andinakugweba izinto ezinjalo.”

16. Waza ke wabakhupha apho enkundleni.

17. Bahlasela uSosteno igosa lendlu yesikhungo, bambethela apho phambi kwenkundla. Kodwa yena uGaliyo zange azikhathaze ngaloo nto.

18. UPawulos wahlala apho eKorinte ixesha elide, waza ke wanduluka apho ngesikhephe enoPrisila noAkwila, basinga eSiriya. Wathi xa aseKenkreya wacheba intloko yakhe, kuba wayenze isifungo.

19. Bakufika e-Efese, uPawulos wabashiya ooPrisila noAkwila, waya endlwini yesikhungo, waxoxa khona namaJuda.

20. Babemcela ukuba ahlale nabo ixesha elide, kodwa akavuma.

21. Wasuka wathi xa ahambayo: “Ukuba ngaba kuyintando kaThixo ukuba ndibuye, ndobuya ndibuye.” Waza ke wemka e-Efese.

22. Akufika eKhesariya, wadlula waya kubulisa ibandla, waza ke waya eAntiyokwe.

23. Emva kwethuba elapho wemka, watyhutyha imimandla yaseGalati neyaseFrigi, ehamba ewomeleza onke amakholwa.

24. E-Efese kwafika umJuda, ogama linguApolo, owazalelwa eAlesandriya. Wayeliciko lokuthetha, futhi ezazi ngokucokisekileyo *iziBhalo.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 18