Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 17:13-22 Ibhayibhile (XHO96)

13. Kodwa akuva amaJuda aseTesalonika ukuba uPawulos ulishumayela naseBheriya ilizwi likaThixo, aya apho, afika afaka umoya woqhushululu ebantwini.

14. Amakholwa amsa ngaselwandle uPawulos kwangoko. Basala bona ooSilas noTimoti eBheriya.

15. La madoda âhamba noPawulos, ada aya kutsho eAtene. Abuyela eBheriya nomyalelo kaPawulos wokuba ooSilas noTimoti mabakhawuleze baye kuye.

16. Kwathi xa uPawulos wayesalinde uSilas noTimoti eAtene, wafumana umnqa kukubona indlela ezazizininzi ngayo izithixo kuloo dolophu.

17. Waxoxa endlwini yesikhungo namaJuda kunye neentlanga ezazihlonela uThixo. Ngokukwanjalo wayexoxa nabantu ababegqitha-gqitha ebaleni lembutho.

18. Nabathile abaziintanda-bulumko zeqela *lamaEpikure *namaStoyike babencokola naye. Bambi babesithi: “Ngaba lifuna ukuthini eli pholopholo?” abanye besithi: “Ngathi ngunozakuzaku *woothixo basemzini.” Babesitsho ke kuba uPawulos wayeshumayela ngoYesu nangovuko lwabafileyo.

19. Baza ke bamthatha uPawulos, baya naye entlanganisweni, endaweni ekwakusithiwa yiAriyopago, bathi kuye: “Khawutsho! Sifuna ukuyazi le mfundiso intsha uthetha ngayo.

20. Ezinye zezinto esikuva uthetha ngazo ziyasimangalisa, ngoko ke sifuna ukuyazi intsingiselo yazo.”

21. Kaloku abantu baseAtene nabatyeleli bakhona kwakungekho nto babeyixabise ngaphezu kokuncokola okanye ukuphulaphula iingcamango ezintsha.

22. UPawulos waphakama wema entlanganisweni apho eAriyopago, wathi: “Bantu baseAtene, ndiyaphawula ukuba ningabantu abaluthanda ngokuncamisayo unqulo.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 17