Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 16:7-17 Ibhayibhile (XHO96)

7. Bakufika emdeni waseMisi, bazama ukungena eBhitini, kodwa nakhona uMoya kaYesu akabavumelanga.

8. Ngoko ke bacanda eMisi, behla baya eTrowa.

9. Xa babelapho ke, ebusuku uPawulos wabona umbono. Indoda yaseMakedoni yayimile imcenga isithi: “Yiza apha eMakedoni, uzokusinceda.”

10. Ngokukhawuleza emva kwalo mbono kaPawulos, salungiselela ukuya eMakedoni, kuba saqonda ukuba uThixo usibizela ukuba siye kuzishumayela iindaba ezimnandi kubantu balapho.

11. Semka ngesikhephe eTrowa, sahamba ngqo sacanda sijonge eSamotraki, saza ngengomso sangena eNapoli.

12. Sakusuka apho, saya kutsho eFilipi, idolophu yokuqala kwisithili saseMakedoni, eyayilithânga laseRoma. Sakhe sahlala iintsukwana apho kuloo dolophu.

13. *NgoMhla wokuPhumla saphuma edolophini, saya ngasemlanjeni, apho sasiba koba kukho indawo athandazela kuyo amaJuda. Sahlala phantsi, sancokola namakhosikazi awayebuthe apho.

14. Enye yawo eyayisiphulaphule nguLidiya waseTiyatire, owayengumthengisi weempahla ezimsobo zexabiso. Wayeyintokazi eyayimhlonela uThixo, yaza ke iNkosi yayibaza ingqondo ukuba izigqale izinto ezazithethwa nguPawulos.

15. Yabhaptizwa kunye nosapho lwayo. Yaza ke yasimema isithi: “Ukuba nithi ndilikholwa ngenene eNkosini, khanizokuhlala kwam.” Yasithundeza ke ukuba siye.

16. Ngamhla uthile xa sasisiya kwindawo yokuthandaza, sahlangana nentombi eyayilikhoboka. Yayinamafufunyana. Yayibenzela imali eninzi ke abanikaziyo ngokuchazela abantu izinto eziza kubehlela.

17. Yasilandela sinoPawulos, ikhwaza isithi: “La madoda angabakhonzi bakaThixo uPhezukonke. Anishumayeza indlela eningásindiswa ngayo.”

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 16