26. Ngesaquphe kwabakho inyikima eyashukumisa izisekelo zentolongo. Zatsho zavuleka zonke iingcango, namatyathanga akhululeka kumabanjwa.
27. Evukile ujela, wabona iingcango zentolongo zivulekile, wacinga ukuba abalekile amabanjwa onke; waza warhola ikrele lakhe, eza kuzibulala.
28. Kuthe kusenjalo wamemeza uPawulos esithi: “Mus' ukuzenzakalisa, kuba sisaphelele!”
29. Ujela lowo wathi makuziwe nesibane, waza engcangcazela enjalo wangena wawa ezinyaweni zikaPawulos noSilas.