Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 16:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. UPawulos waya eDerbhe naseListra. Apho kwakukho ikholwa eligama linguTimoti, onina wayekwalikholwa, engumJudakazi, uyise yena engumGrike.

2. Onke amakholwa aseListra naseIkoniyo ayemazi ngesimilo esihle uTimoti.

3. UPawulos wafuna ukuhamba noTimoti, ngoko ke wamolùsa kuqala, kuba onke amaJuda aloo mmandla ayesazi ukuba uyise wayengolukanga.

4. Ekuzityhutyheni kwabo ezo dolophu, amakholwa bawazisa ngesigqibo *sabathunywa nabadala eJerusalem.

5. Aza ke amabandla omelezeka elukholweni, anda nangamanani imihla ngemihla.

6. Xa babekwingingqi yaseFrigi naseGalati, uMoya oyiNgcwele wabalela ukuba balishumayele ilizwi eAsiya.

7. Bakufika emdeni waseMisi, bazama ukungena eBhitini, kodwa nakhona uMoya kaYesu akabavumelanga.

8. Ngoko ke bacanda eMisi, behla baya eTrowa.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 16