Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 15:8-21 Ibhayibhile (XHO96)

8. UThixo ozaziyo iintliziyo zabantu, wabonakalisa ukuzamkela iintlanga ngokuzinika uMoya oyiNgcwele njengoko wasinikayo nathi.

9. Akabonakalisanga mahluko phakathi kwazo nathi; nazo wazihlambulula iintliziyo zakuba zizinikele kuye.

10. Ngoku ke nimlingela ntoni uThixo ngokuthwalisa amakholwa umthwalo abangazange babe nako ukuwuthwala ookhokho bethu, nathi ngokwethu esingenako ukuwuthwala?

11. Hayi bo! Sikholwa kukuba thina sisindiswa ngesisa seNkosi uYesu kwanjengazo.”

12. Kwakuthe cwaka ngexesha uBharnabha noPawulos besenza ingxelo ngemimangaliso nemiqondiso ayenzileyo uThixo ngabo phakathi kweentlanga.

13. Emva kwentetho yabo kwathetha uYakobi, wathi: “Ndiphulaphuleni, mawethu!

14. USimon unichazele indlela uThixo abonakalise ngayo ukuzikhathalela kwakhe iintlanga ngokukhetha phakathi kwazo abantu abangabakhe.

15. Amazwi *abashumayeli ayavumelana nesi senzo, kuba zithi *iziBhalo:

16. “ ‘Emva koku ndiya kubuya,’ itsho iNkosi,‘ndiwuvuse umzi kaDavide ongamanxiwa,ndiwulungise apho wonakele khona,ume kakuhle.

17. Bothi ke bayifune iNkosi bonke abantu,zonke izizwe endizibizileyo zaba zezam,’itsho iNkosi, yona ikwenzileyo oku.

18. “Kakade ke iyaziwa le nto.

19. Ke ngoko mna ndithi masingazixhamli iintlanga eziguqukayo,

20. koko masizibhalele incwadi sizixelele ukuba mazingatyi naluphi na uhlobo lokutya okungahlambulukanga ngenxa yokubingelelwa kwizithixo, zizigcine nyulu ekurheletyeni, zingatyi nasiphi na isilo esikrwitshiweyo, nanyama inegazi.

21. Sekukudala kakade ufundwa umthetho kaMosis, kushunyayelwa amazwi akhe ngayo yonke *iMihla yokuPhumla *ezindlwini zesikhungo kwiidolophu ngeedolophu.”

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 15