Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 15:27-36 Ibhayibhile (XHO96)

27. Ke ngoko sinithumela uJudas noSilas abaya kunichazela ngokwabo ezi zinto kanye sizibhalileyo.

28. Thina samkele isigqibo soMoya oyiNgcwele sokuba singanithwalisi bunzima bumbi ngaphandle kwale migaqo ibalulekileyo:

29. Musani ukuyitya into ebingelelwe kwizithixo, nenyama enegazi, nesilo esikrwitshiweyo; nizigcine nyulu ekurheletyeni. Niya kuba niyakholisa xa nizilumlayo kwezo zinto. Salani kakuhle.”

30. Izigidimi ezo zandululwa, zasinga eAntiyokwe, apho zafika zawahlanganisa amakholwa, zawanika incwadi leyo.

31. Bathi abantu bakuyifunda incwadi leyo, bavuya kakhulu ziindaba zayo zenkuthazo.

32. UJudas noSilas, ababengabashumayeli ngokwabo, bathetha ixesha elide namakholwa, bewakhuthaza, bewomeleza.

33. Emva kwexesha belapho bakhululwa ngoxolo ngamakholwa, baza bagoduka. [

34. Kodwa uSilas yena wabona ukuba makasale khona.]

35. UPawulos noBharnabha bona bakhe banexesha belapho eAntiyokwe. Bekunye nabanye balifundisa, balishumayela, ilizwi leNkosi.

36. Ekuhambeni kwexesha wathi uPawulos kuBharnabha: “Makhe sityelele amakholwa kuzo zonke iidolophu apho sasikhe salishumayela khona ilizwi leNkosi, siqonde ukuba aphila njani na.”

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 15