Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 13:50-52 Ibhayibhile (XHO96)

50. Kodwa amaJuda adala uchuku, enza *abathunywa bavukelwa ngamadoda aloo dolophu aphambili kwanangabafazi abakumgangatho ophezulu entlalweni, ababemhlonela uThixo. Babatshutshisa babagxotha kuloo mmandla.

51. Abathunywa bavuthulula uthuli ezinyaweni, bekhalala, bemka baya eIkoniyo.

52. Basala abalandeli bakaYesu eAntiyokwe bezele luvuyo nanguMoya oyiNgcwele.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 13