Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 13:30-44 Ibhayibhile (XHO96)

30. Kodwa uThixo yena wamvusa ekufeni,

31. waza kwithuba leentsuku ezininzi wabonwa ngâbo wayejikeleza nabo ukusuka eGalili baye eJerusalem. Ngoku bangamangqina akhe kumaSirayeli.

32. Thina silapha nje, sizise iindaba ezimnandi kuni. Loo nto uThixo wayithembisa ookhokho bethu,

33. uyenzele thina bayinzala yabo, ngokumvusa uYesu. Kunjengoko kubhaliweyo eNdumisweni yesibini, kwathiwa:“ ‘Ungunyana wam wena;namhlanje ndikuzele.’

34. “UThixo wamvusa ekufeni. Ke ngoko akasayi kuze abole. Le nto uyithethe ngala mazwi athi:“ ‘Ndiya kuninika iintsikelelo ezizodwa eziqinisekileyo,endazithembisa uDavide.’

35. “Kwakhona uthi kwenye indawo:“ ‘Akuyi kusiyeka isicaka sakho esithembekileyo sibole.’

36. “Kuba kaloku ngexesha lakhe uDavide wayifeza injongo kaThixo, waza wafa emva koko, wangcwatywa ngakookhokho bakhe, wabola.

37. Kodwa uYesu, evusiwe nje nguThixo, khange abole.

38-39. Yazini niqiniseke xa ninonke, mawethu, ukuba kungoYesu ukushunyayelwa kodaba lokuxolelwa kwezono. Ngokunjalo qondani ukuba wonke umntu ozinikelayo kuye uyakhululwa kuzo zonke izono, obungenako ukumkhulula kuzo *umthetho kaMosis.

40. Lumkani ke ngoko, hleze ihle kuni into eyathethwa ngabashumayeli, besithi:

41. “ ‘Khangelani, nina bagxeki, nimangaliswe nife;kuba umsebenzi endiwenza ngemihla yenuyinto eningayi kukholwa yiyonokuba ubani uthe wanichazela.’”

42. Xa bayishiyayo intlanganiso ooPawulos noBharnabha, abantu babamema ukuba ze beze kwakhona ngoMhla wokuPhumla olandelayo, ukuze baphinde babafundise.

43. Emveni kokuphuma kwentlanganiso, uPawulos noBharnabha balandelwa sisihlwele samaJuda neentlanga eziguqukele ebuJudeni, baza basikhuthaza ukuba sibambelele ngenyameko kuThixo onesisa.

44. NgoMhla woPhumlo olandelayo phantse wonke umntu osedolophini weza kuphulaphula ilizwi leNkosi.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 13